27 Esasondela ukuya kumanga uIsake, waliva ivumba leempahla ezazinxitywe nguYakobi, watyibela ngentsikelelo esithi:“Ngxatsho ke ivumba lonyana wam!Linjengevumba lomhlaba ogalelwe iintsikelelelo nguNdikhoyo.
28 Wanga ke uThixo angakugalela ngombethe,nomhlaba wakho uchume ube linqatha,uvelise nentabalala yengqolowa newayini.
29 Unga ungabuswa zizizwe,neentlanga zikhahlele kuwe.Yiba yinkosi kubantakwenu,ukhonzwe nangabantwana bakanyoko.Mabaqalekiswe abo bakuqalekisayo,basikelelwe abo bakusikelelayo.”
30 UIsake wayesandul' ukusikelela uYakobi, naye esandul' ukusuka kuyise, wagaleleka uEsawu, evela kuzingela.
31 Wapheka ukutya okumnandi, naye wakusa kuyise, wathi: “Vuka, tata, utye. Nantsi inyama endikuphathele yona. Uze undisikelele.”
32 “Ungubani wena?” watsho uIsake.“Ndingunyana wakho omkhulu, uEsawu,” utshilo.
33 Wothuka wagubha uIsake.Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”