31 Wapheka ukutya okumnandi, naye wakusa kuyise, wathi: “Vuka, tata, utye. Nantsi inyama endikuphathele yona. Uze undisikelele.”
32 “Ungubani wena?” watsho uIsake.“Ndingunyana wakho omkhulu, uEsawu,” utshilo.
33 Wothuka wagubha uIsake.Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”
34 Akuyiva loo nto uEsawu, wakhala kabuhlungu, wathi: “Ndisikelele nam, tata!”
35 Wathi uIsake: “Umninawa wakho undikhohlisile, wemka nazo iintsikelelo zakho.”
36 Uthe uEsawu: “Sekukokwesibini eyenza le nto yokundidla izithende. Yiyo le nto negama lakhe linguYakobi. Kokwesibini ngoku endikhohlisa. Wathatha ilungelo lam lobuzibulo. Ngoku uthatha iintsikelelo zam. Tata, akundigcinelanga ntsikelelo konke na?”
37 Uthe ke uIsake: “Sendimenze inkosi yakho, nezizalwane zakhe zaba zizicaka zakhe. Ndithe uya kuphila ngengqolowa newayini. Yintoni ke ngoko enokuba isasalele wena, mfo wam?”