2 Wafika kumthombo owawusendle, kukho imihlambi emithathu yeegusha, zithe ncwaba zingqengqe kufuphi nawo. Le mihlambi yayikhelelwa amanzi kuloo mthombo uliso ligqunywe ngelitye.
3 Yayisithi yakuthontelana apho imihlambi, abelusi baliqengqe elo litye, bayikhelele amanzi, babuye balibuyisele elo litye, livale umthombo lowo.
4 Wafika wababuza abelusi uYakobi, wathi: “Bafondini, nisuka phi?”Bathe: “Sivela eHaran.”
5 Uthe: “Niyamazi uLabhan, umzukulwana kaNahore apho?”“Siyamazi,” batshilo ukuphendula.
6 “Usaphila kodwa?”“Ewe, usaphila. Nantso selisiza intombi yakhe uRakeli kunye nomhlambi wakhe.”
7 Uthe uYakobi: “Ingekabi loxesha lakuphethula imihlambi emadlelweni nje eli, kutheni ningazisezi nje ezi gusha, niziyeke zitye?”
8 Baphendula bathi: “Asinakuyenza loo nto ingekapheleli imihlambi. Kufuneka yonke ibekho, ukuze siwuvule umthombo, siyiseze.”