26 Uthe uLabhan: “Asilosiko lethu ukwendisa intombi encinci, ingekendi endala.
27 Linda ke khe kudlule le veki yomtshato, ndikwendisele uRakeli ke xa uya kuphinda usebenze iminyaka esixhenxe.”
28 Wavuma ke uYakobi, yathi yakudlula loo veki yomtshato uLabhan wamendisela kuYakobi noRakeli.
29 ULabhan wakhupha isicakakazi uBhiliya waba yimpelesi kaRakeli.
30 Wamambatha uRakeli uYakobi, wamthanda nangaphezu koLeya. Wasebenza eminye iminyaka esixhenxe.
31 Akubona *uNdikhoyo ukuba uLeya akathandwa, wampha inzala, wamvala yena uRakeli.
32 Wakhawula uLeya, wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi nguRubhen igama lakhe, kuba wayesithi: “UNdikhoyo ulubonile usizi lwam; ngoku ndiza kuthandwa ngumyeni wam.”