6 “Usaphila kodwa?”“Ewe, usaphila. Nantso selisiza intombi yakhe uRakeli kunye nomhlambi wakhe.”
7 Uthe uYakobi: “Ingekabi loxesha lakuphethula imihlambi emadlelweni nje eli, kutheni ningazisezi nje ezi gusha, niziyeke zitye?”
8 Baphendula bathi: “Asinakuyenza loo nto ingekapheleli imihlambi. Kufuneka yonke ibekho, ukuze siwuvule umthombo, siyiseze.”
9 URakeli wafika nowakhe umhlambi esathetha nâbo belusi uYakobi.
10 UYakobi akubona uRakeli eqhuba imihlambi kaninalume uLabhan, waya kuliqengqa ilitye, wazipha amanzi iigusha.
11 Wandula wamanga uRakeli, elila luvuyo.
12 Wathi kuRakeli: “Ndiyazalana noyihlo; ndizalwa nguRabheka kaloku.”Wabaleka waya kuxelela uyise uRakeli;