24 Wathi ke igama layo nguJosefu, esithi: “Wanga uNdikhoyo angandongezela kwaenye inkwenkwe.”
25 Emva kokuvela kukaJosefu, uYakobi wathi kuLabhan: “Ndikhulule, khon' ukuze ndibuyele kowethu.
26 Ndinike abafazi bam nabantwana bam endibasebenzeleyo, ndihambe. Uyakwazi ukubulaleka kwam ndikusebenzela.”
27 Wathi uLabhan: “Mandiyithethe yona into yokuba ndityhilelwe ukuthi ndihlumé ndatsho ndasisinhanha ngenxa yokuba *uNdikhoyo ekusikelele.
28 Ndixelele umvuzo owufunayo nje wena, ndikunike.”
29 Uthe uYakobi: “Wazi kakuhle indlela ebendisebenza ngayo, nento yokuba yande kangakanani na imfuyo yakho ebisaluswa ndim lo.
30 Laa mbinana wawunayo ukufika kwam, yande kakhulu, yaye noNdikhoyo ebekuthamsanqelisa ngenxa yam. Nam ngoku ndifuna ukusebenzela intsapho yam.”