26 Ndinike abafazi bam nabantwana bam endibasebenzeleyo, ndihambe. Uyakwazi ukubulaleka kwam ndikusebenzela.”
27 Wathi uLabhan: “Mandiyithethe yona into yokuba ndityhilelwe ukuthi ndihlumé ndatsho ndasisinhanha ngenxa yokuba *uNdikhoyo ekusikelele.
28 Ndixelele umvuzo owufunayo nje wena, ndikunike.”
29 Uthe uYakobi: “Wazi kakuhle indlela ebendisebenza ngayo, nento yokuba yande kangakanani na imfuyo yakho ebisaluswa ndim lo.
30 Laa mbinana wawunayo ukufika kwam, yande kakhulu, yaye noNdikhoyo ebekuthamsanqelisa ngenxa yam. Nam ngoku ndifuna ukusebenzela intsapho yam.”
31 “Ndikuhlawule ntoni?” ubuzile uLabhan.Uthe uYakobi: “Andifuni ntlawulo. Ndiza kuhlala ndiyaluse imihlambi yakho, ukuba nje siyavumelana ngale ndawo.
32 Namhlanje ndiza kuya phaya emhlambini, ndifike ndiwakhethe onke amatakane amnyama nazo zonke iibhokhwe ezingcitha. Kuphela komvuzo endiwufunayo ke lowo.