1 UYakobi weva ukuba oonyana bakaLabhan bathi uzithathe zonke izinto zikayise, yaye nobu butyebi bakhe ubuzuze ngezinto zikayise.
2 Waphawula nokuba akasathandwa nguLabhan.
3 *UNdikhoyo wathi kuYakobi: “Buyela kwilizwe looyihlo-mkhulu, kumawenu. Mna ndiya kuba nawe.”
4 UYakobi ke wathumela ukuba kubizwe uRakeli noLeya ukuba beze kuye endle apho wayesalusa khona imihlambi.
5 Uthe kubo: “Ndiyabona ukuba uyihlo akasandithandi ngoku; ukanti uThixo kabawo ubesoloko enam.