11 Sathi kum isithunywa sikaThixo ngephupha: ‘Yakobi!’ Ndasabela ndathi: ‘Ndim lo.’
12 Sithe ke sona: ‘Phakamisa amehlo, ubone zonke iinkunzi zeebhokhwe ezikhwelayo zingcitha, zingcaka. Ndiyibonile yonke into akwenze yona uLabhan; kungoko ndisenza le nto.
13 Mna ndingulaa Thixo wabonakala kuwe eBhetele, apho wathambisa khona ngamafutha ilitye lesikhumbuzo, apho wawenze khona isifungo. Ngoku ke lishiye eli lizwe, ubuyele kwelakowenu.’ ”
14 Bathe ukuphendula ooRakeli noLeya: “Asisenabango thina kwizinto zikatata.
15 Usiphethe okwabantu basemzini. Wasithengisa, wayitya yaphela naloo nto wayifumana ngathi.
16 Ngoko ke seliyeyethu nabantwana bethu yonke loo nto uThixo asihluthele yona kutata. Yenza loo nto wena uThixo akuyalela yona.”
17 Kwangoko uYakobi wabakhwelisa ezinkameleni abafazi bakhe noonyana bakhe.