21 Wathatha konke okwakhe, wemka ngokungxama. Waya kuwela umlambo iEfrati, wenjenjeya ejonge kweleenduli eGiliyadi.
22 Emva kweentsuku ezintathu uLabhan weva ukuba uYakobi ubalekile.
23 Wahamba nezihlobo zakhe, basukela iintsuku zada zasixhenxe, bamfumana kwezo nduli zeGiliyadi.
24 Ngobo busuku uThixo wavela ngephupha kuLabhan, wathi: “Uze ulumke, ungathethi nto kuYakobi konke, nenjani na.”
25 ULabhan wafika uYakobi emise kwezo nduli zeGiliyadi, waza yena namadoda awayehamba nawo wemisa kwalapho.
26 ULabhan wathi kuYakobi: “Yintoni le uyenzileyo? Kutheni undikhohlisa nje, ude uqhube neentombi zam oku kwabathinjwa emfazweni?
27 Kutheni le nto usuka uzimele, ungatsho xa umkayo? Ukuba ubuxelile ngendikukhulule kakuhle, wenzelwa iingoma ngamagubu nangeehapu.