24 Ngobo busuku uThixo wavela ngephupha kuLabhan, wathi: “Uze ulumke, ungathethi nto kuYakobi konke, nenjani na.”
25 ULabhan wafika uYakobi emise kwezo nduli zeGiliyadi, waza yena namadoda awayehamba nawo wemisa kwalapho.
26 ULabhan wathi kuYakobi: “Yintoni le uyenzileyo? Kutheni undikhohlisa nje, ude uqhube neentombi zam oku kwabathinjwa emfazweni?
27 Kutheni le nto usuka uzimele, ungatsho xa umkayo? Ukuba ubuxelile ngendikukhulule kakuhle, wenzelwa iingoma ngamagubu nangeehapu.
28 Akukhange undinike nethuba lokuba khe ndange abazukulwana bam neentombi zam, ndithi ndlela-ntle kubo. Hayi noko, bubudenge into oyenzileyo!
29 Ndingakwenza into embi ngoku. Kodwa phezolo uThixo kayihlo uthe ze ndingathethi nto kuwe.
30 Ndiyazi ukuba umkiswe kukukhumbula ikhaya, kodwa ke uyibele ntoni yona *imilonde-khaya yam?”