3 *UNdikhoyo wathi kuYakobi: “Buyela kwilizwe looyihlo-mkhulu, kumawenu. Mna ndiya kuba nawe.”
4 UYakobi ke wathumela ukuba kubizwe uRakeli noLeya ukuba beze kuye endle apho wayesalusa khona imihlambi.
5 Uthe kubo: “Ndiyabona ukuba uyihlo akasandithandi ngoku; ukanti uThixo kabawo ubesoloko enam.
6 Nazi kakuhle nobabini indlela ebendimsebenzela ngayo uyihlo.
7 Kodwa yena wandiqhatha, wawuguqu-guqula umvuzo wam kalishumi. Kodwa uThixo akavumanga ukuba andenzakalise.
8 Ubesakuthi uLabhan akuthi ezinamachaphaza ziya kuba zezam, zisuke zonke zizale amatakane anamachaphaza. Kuthi akuthi ziya kuba zezinemizila ezam, zisuke zonke zizale amatakane anemizila.
9 UThixo uyihluthile imfuyo kayihlo, wayinika mna.