34 URakeli wayeseleyithathile imilonde-khaya wayifaka engxoweni, wahlala phezu kwayo. Wakhangela wagqogqa yonke indawo uLabhan, akayifumana noko.
35 URakeli uthe kuyise: “Akuyi kukhathazeka, mhlekazi, xa ndingasukumiyo. Kaloku ndiya exesheni.” Wagqogqa uLabhan, wabuya ze nalapho engayifumananga imilonde-khaya yakhe.
36 UYakobi wangcangcazela ngumsindo, wathi: “Uthi yintoni le imbi ndiyenzileyo? Mthetho wuphi lo ndiwaphuleyo ukugunyazisa ukuba uzingelane nam?
37 Kukho nto yendlu yakho oyifumeneyo apha wakugqiba ukugqogqa umzi wam? Yirhole ibonwe ngala madoda uhamba nawo nala am, khon' ukuze alathe oyena wonileyo: indim, inguwe.
38 “Bendihleli nawe iminyaka engamashumi mabini. Ngalo lonke elo xesha bezizala rhoqo iibhokhwe zakho, yaye andizange nditye nanye igusha yakho.
39 Bendisoloko ndiyihlawula igusha nganye eqwengwe zizilwanyana. Andizange ndize nayo kuwe ndisithi asilotyala lam. Wawudla ngokuthi mandibuyise yonke into ebiweyo, nokuba kusemini, nokuba kusebusuku.
40 Ndanditshiswa ngamalanga emini, ndidliwa naziingqele ebusuku, kungehli nobuthongo obu,