44 ndingáyenza imvumelwano kunye nawe. Masithathe amatye, siwafumbe ndawonye, abe sisikhumbuzo saloo mvumelwano.”
45 UYakobi ke wathatha ilitye, walimisa ukuba libe sisikhumbuzo.
46 Wathi amadoda makaqokelele amatye, awafumbe apho. Enjenjalo ke, aza ahlala phantsi apho ngakuloo matye, atya.
47 ULabhan wathi loo ndawo yiJegare-saduta, uYakobi wathi yiGaledi.
48 ULabhan wathi kuYakobi: “Le ngqumba yamatye iya kuba sisikhumbuzo kuthi.” Yiyo loo nto loo ndawo kwathiwa yiGaledi.Oko kukuthi ngesiHebhere “ingqumba yesikhumbuzo”
49 ULabhan wabuya wathi: “Wanga *uNdikhoyo angasijonga naxa sesahlukene.” Yaza loo ndawo kwathiwa yiMizpa.
50 Waqhuba wathi uLabhan: “Ukuba ukhe wabaphatha kakubi abantwana bam, okanye wathatha bafazi bambi, nokuba andiyazanga loo nto, uzukhumbule ukuba uThixo usijongile.