52 Zizombini ke ezo zinto zisisikhumbuzo. Andisoze ndidlule apha ndize kukuhlasela; nawe ungaze uzidlule uze kundihlasela.
53 NguThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, oya kusigweba.” Waza ke uYakobi wafunga egameni loMhlonitshwa kayise uIsake.
54 Waxhela, wenza idini apho, wamemela izihlobo zakhe esidlweni. Bakugqiba ukutya bahlala kuloo ntaba ubusuku bonke.
55 Kwakusasa ngengomso uLabhan wanga abazukulwana bakhe neentombi zakhe, esithi ndlela-ntle kubo, wajika wagoduka.