9 UThixo uyihluthile imfuyo kayihlo, wayinika mna.
10 “Ngexesha ekwakukhwelwa iimazi ndaba nephupha: ndaphakamisa amehlo, ndabona iinkunzi zeebhokhwe ezazikhwela iimazi, zingcitha, zingcaka.
11 Sathi kum isithunywa sikaThixo ngephupha: ‘Yakobi!’ Ndasabela ndathi: ‘Ndim lo.’
12 Sithe ke sona: ‘Phakamisa amehlo, ubone zonke iinkunzi zeebhokhwe ezikhwelayo zingcitha, zingcaka. Ndiyibonile yonke into akwenze yona uLabhan; kungoko ndisenza le nto.
13 Mna ndingulaa Thixo wabonakala kuwe eBhetele, apho wathambisa khona ngamafutha ilitye lesikhumbuzo, apho wawenze khona isifungo. Ngoku ke lishiye eli lizwe, ubuyele kwelakowenu.’ ”
14 Bathe ukuphendula ooRakeli noLeya: “Asisenabango thina kwizinto zikatata.
15 Usiphethe okwabantu basemzini. Wasithengisa, wayitya yaphela naloo nto wayifumana ngathi.