10 Nawe ke ungema naphi na kulo mhlaba wakowethu, urhwebe nokurhweba kangangoko uthanda, ufuye nempahla.”
11 Uthe ke yena uShekem kuYakobi noonyana bakhe: “Ndikhululeleni le ntombi. Ndiya kuhlawula nantoni na eniyifunayo.
12 Ndixeleleni ikhazi emandilikhuphe, libe likhulu kangangoko nifuna; nixele namabhaso eniwafunayo, ndininike. Nantoni na eniyifunayo ndingayikhupha, ukuba nje niyavuma ndimthathe uDayina.”
13 Ngenxa yokuba uShekem wayeselemhlazisile udade wabo uDayina, oonyana bakaYakobi babaphendula ngelibaqhathayo ooShekem noyise uHamore,
14 benjenje: “Asinakumendisela kumntu ongalukanga udade wethu. Into enjalo ingalihlazo.
15 Singavuma xa nina, kunye nawo onke amadoda alapha, nisaluka, nifane nathi.
16 Nolwendiselwano olu nina nithetha ngalo singalwamkela phantsi kwaloo mqathango kuphela, sihlale phakathi kwenu, sibe ngabantu abanye.