1 Wathi uThixo kuYakobi: “Hamba ngoku uye kuhlala eBhetele. Uze ufike undenzele iqonga lamadini apho. Mna ndingulaa Thixo wavela kuwe xeshikweni wawubaleka umkhuluwa wakho uEsawu.”
2 UYakobi ke wayalela intsapho nezicaka zakhe wathi: “Yahlukanani *noothixo basemzini abaphakathi kwenu, nihlambuluke, ninxibe mpahla zimbi.
3 Siza kumka apha, sifudukele eBhetele, apho ndiya kumisa khona iqonga lamadini loThixo owandikhulula engxakini nobesoloko enam naphi na apho ndikhoyo.”
4 Bazikhupha ke *izithixo zasemzini, bazinika uYakobi kunye naloo macici babewafakile. Ezo zinto wazimbela ngaphantsi komthi wom-oki ongakwidolophu yaseShekem.