13 UThixo wamshiya ke apho akugqiba ukuthetha naye.
14 Apho kanye kuloo ndawo uThixo wayethetha kuyo noYakobi, wemisa ilitye uYakobi, walinikela kuThixo ngokuligalela iwayini namafutha.
15 Loo ndawo wathi yiBhetele.
16 Wafuduka uYakobi nentsapho yakhe eBhetele. Kwathi xa babekude kufuphi ne-Efrata, kwabonakala ukuba lifikile ixesha lokuba uRakeli abeleke. Kwaba nzima kakhulu.
17 Kwathi egcuma ziintlungu, wavakala esithi umbelekisi wakhe: “Uzungoyiki, Rakeli, uzele enye inkwenkwe.”
18 Ngelo xesha ke uRakeli wayeseleqhawuka. Uthe kanye xa uphumayo umphefumlo wathi igama laloo mntwana nguBhenoni. Uyise yena wathi nguBhenjamin.
19 Waza ke uRakeli wafa, wangcwatywa ecaleni kwendlela eya e-Efrata, ekuthiwa yiBhetelehem.