18 Ngelo xesha ke uRakeli wayeseleqhawuka. Uthe kanye xa uphumayo umphefumlo wathi igama laloo mntwana nguBhenoni. Uyise yena wathi nguBhenjamin.
19 Waza ke uRakeli wafa, wangcwatywa ecaleni kwendlela eya e-Efrata, ekuthiwa yiBhetelehem.
20 Wemisa ilitye lesikhumbuzo apho uYakobi. Liselapho; nangoku lisaqondisa ingcwaba likaRakeli.
21 Wahambela mganyana uYakobi, wafika wemisa malunga neMigdali-edere.
22 Ngethuba wayesekuloo mmandla uSirayeli, uRubhen walala noBhiliya, elinye lamaqadi abafazi bakayise uSirayeli. Wayiva loo nto uSirayeli.UYakobi wayenoonyana abalishumi elinambini.
23 Oonyana abazalwa nguLeya yayinguRubhen, izibulo likaYakobi, noSimon, noLevi, noJuda; uIsakare noZebhulon.
24 Oonyana abazalwa nguRakeli yayinguJosefu noBhenjamin.