2 UYakobi ke wayalela intsapho nezicaka zakhe wathi: “Yahlukanani *noothixo basemzini abaphakathi kwenu, nihlambuluke, ninxibe mpahla zimbi.
3 Siza kumka apha, sifudukele eBhetele, apho ndiya kumisa khona iqonga lamadini loThixo owandikhulula engxakini nobesoloko enam naphi na apho ndikhoyo.”
4 Bazikhupha ke *izithixo zasemzini, bazinika uYakobi kunye naloo macici babewafakile. Ezo zinto wazimbela ngaphantsi komthi wom-oki ongakwidolophu yaseShekem.
5 Ukumka kukaYakobi noonyana bakhe, abantu beedolophu ezikufuphi baba noloyiko olukhulu, ababasukela.
6 Waya kugaleleka eBhetele eKanana uYakobi nentsapho yakhe yonke. IBhetele ke yayaziwa ngokuba yiLuzi.
7 Wamisa iqonga lamadini apho uYakobi, wayithiya loo ndawo ngoThixo waseBhetele. Kaloku kulapho uThixo wazibonakalisayo kuYakobi xa wayebaleka umkhuluwa wakhe.
8 UDibhora impelesi kaRakeli, wabhubhela khona apho, wafihlelwa phantsi komthi wom-oki owawusezantsi kweBhetele. Kwathiwa ke loo ndawo nguM-oki weeNyembezi.