21 Wahambela mganyana uYakobi, wafika wemisa malunga neMigdali-edere.
22 Ngethuba wayesekuloo mmandla uSirayeli, uRubhen walala noBhiliya, elinye lamaqadi abafazi bakayise uSirayeli. Wayiva loo nto uSirayeli.UYakobi wayenoonyana abalishumi elinambini.
23 Oonyana abazalwa nguLeya yayinguRubhen, izibulo likaYakobi, noSimon, noLevi, noJuda; uIsakare noZebhulon.
24 Oonyana abazalwa nguRakeli yayinguJosefu noBhenjamin.
25 Oonyana bempelesi kaRakeli uBhiliya yayinguDan noNafetali.
26 Oonyana bempelesi kaLeya uZilipha yayinguGadi noAshere. Aba nyana bazalelwa ePadan-aram.
27 UYakobi waya kuyise eMamre kufuphi neHebron, ekwakusithiwa yiKiriyati-arbha, apho babemi khona ooAbraham noIsake.