6 Waya kugaleleka eBhetele eKanana uYakobi nentsapho yakhe yonke. IBhetele ke yayaziwa ngokuba yiLuzi.
7 Wamisa iqonga lamadini apho uYakobi, wayithiya loo ndawo ngoThixo waseBhetele. Kaloku kulapho uThixo wazibonakalisayo kuYakobi xa wayebaleka umkhuluwa wakhe.
8 UDibhora impelesi kaRakeli, wabhubhela khona apho, wafihlelwa phantsi komthi wom-oki owawusezantsi kweBhetele. Kwathiwa ke loo ndawo nguM-oki weeNyembezi.
9 UThixo wabuya wavela kuYakobi ukubuya kwakhe ePadan-aram, wabuya wamthamsanqelisa.
10 Wenjenje ukuthetha uThixo: “Kuthiwa igama lakho unguYakobi, kodwa ukususela ngoku kuya kuthiwa unguSirayeli.” Kwaba ke njalo uThixo umthiya igama elinguSirayeli.
11 Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani.
12 Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”