10 Ulilawule nakuyise eli phupha. Wamngxolisa uyise, esithi: “Suk' apha, phupha lini eli athi unyoko nabantakwenu kunye nam sikhahlele wena!”
11 Abakhuluwa bakaJosefu bammonela, kodwa yena uyise wamana elijika-jika engqondweni eli phupha.
12 Ngamini ithile abakhuluwa bakaJosefu babeseShekem besalusa impahla,
13 wathi uSirayeli kuJosefu: “Ndifuna ukukuthuma kubantakwenu eShekem apho bayalusela khona impahla.”Uthe uJosefu: “Kulungile, tata.”
14 Uthe uYakobi: “Khawuye kukhangela ukuba abantakwenu basahleli kakuhle na, nokuba akukho monakalo ukhoyo na empahleni, ubuye uze kundazisa.” Wanduluka ke uJosefu kuloo ntili yeHebron, ethunywe eShekem.Wahamba waya kufika eShekem uJosefu.
15 Kuthe esabhadula kwelo zwe, kwavela ndoda ithile, yambuza yathi: “Ufuna ntoni?”
16 “Ndifuna abantakwethu abalusa impahla; ungandixelela apho bakhoyo?” utshilo uJosefu.