14 Uthe uYakobi: “Khawuye kukhangela ukuba abantakwenu basahleli kakuhle na, nokuba akukho monakalo ukhoyo na empahleni, ubuye uze kundazisa.” Wanduluka ke uJosefu kuloo ntili yeHebron, ethunywe eShekem.Wahamba waya kufika eShekem uJosefu.
15 Kuthe esabhadula kwelo zwe, kwavela ndoda ithile, yambuza yathi: “Ufuna ntoni?”
16 “Ndifuna abantakwethu abalusa impahla; ungandixelela apho bakhoyo?” utshilo uJosefu.
17 “Sebemkile,” itshilo loo ndoda. “Ndibavele besithi baza kuya eDotan.” Wenjenjeya ke uJosefu ukulandela abantakwabo, wada waya kugaleleka eDotan, apho wafika bekhona.
18 Bambona esekude, waza wathi efika kubo baba sebenze iyelenqe lokumbulala.
19 Bathi bakumbona: “Nanku esiza laa mphuphi.
20 Masimbulale, size isidumbu sakhe sisifake kwelinye lala maqula atshileyo, sithi uqwengwe ngamarhamncwa, sibone ke ukuba aya kuthini na loo maphupha akhe.”