21 URubhen wabavela kuloo nto, wafuna ukumsindisa uJosefu, wathi: “Hayini, madoda,
22 masingambulali siphalaze igazi lomntakwethu. Makaphoswe nje kweli qula lilapha entlango, kodwa ningamenzakalisi.” Ethetha loo nto nje wayeceba ukumhlangula kubo, aze amgoduse amse kuyise.
23 Akufika kubantakwabo uJosefu, bamkhulula loo ngubo imbeje-mbeje,
24 baza bamthatha bamphosa equleni elingenamanzi.
25 Kuthe ke besatya, kwee gqi igqiza lamaIshmayeli, evela eGiliyadi, esinga eJiputa. Ayeqhuba iinkamela ezithwele intlaka yesiqhumiso, namafutha anamakha, nentlaka yokuqhola.
26 UJuda wabhekisa kubantakwabo, wathi: “Iza kusenzela ntoni into yokubulala umntakwethu, khona sesibufihlile obo bugwinta?
27 Masithengise ngaye kula maIshmayeli. Ngaloo ndlela asiyi kumenzakalisa. Andithi gxebe ligazi lethu eliya?” Bavumelana naye abanye.