23 Akufika kubantakwabo uJosefu, bamkhulula loo ngubo imbeje-mbeje,
24 baza bamthatha bamphosa equleni elingenamanzi.
25 Kuthe ke besatya, kwee gqi igqiza lamaIshmayeli, evela eGiliyadi, esinga eJiputa. Ayeqhuba iinkamela ezithwele intlaka yesiqhumiso, namafutha anamakha, nentlaka yokuqhola.
26 UJuda wabhekisa kubantakwabo, wathi: “Iza kusenzela ntoni into yokubulala umntakwethu, khona sesibufihlile obo bugwinta?
27 Masithengise ngaye kula maIshmayeli. Ngaloo ndlela asiyi kumenzakalisa. Andithi gxebe ligazi lethu eliya?” Bavumelana naye abanye.
28 Kwathi xa kwakudlula iqela labarhwebi bamaMidiyan, bamkhupha uJosefu kuloo mhadi, bamthengisa ngamashumi amabini eesiliva kumaIshmayeli, awamthathayo amsa eJiputa.
29 Akuya kuvela kwelo qula uRubhen, wafika engekho uJosefu, wasuka wakrazula izambatho zakhe ngenxa yosizi awayenalo.