28 Kwathi xa kwakudlula iqela labarhwebi bamaMidiyan, bamkhupha uJosefu kuloo mhadi, bamthengisa ngamashumi amabini eesiliva kumaIshmayeli, awamthathayo amsa eJiputa.
29 Akuya kuvela kwelo qula uRubhen, wafika engekho uJosefu, wasuka wakrazula izambatho zakhe ngenxa yosizi awayenalo.
30 Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi: “Madoda, laa nkwenkwe ayikho phaya; ndiza kuyithini le nto?”
31 Banqumla ibhokhwe, baza ingubo kaJosefu bayityikila ngelo gazi layo.
32 Bayithatha loo ngubo, bayisa kuyise, bafika bathi: “Sichole le nto; khawufanise ukuba ngaba asiyiyo eyonyana wakho na?”
33 UYakobi wayifanisa kwangoko, wathi: “Yingubo yomntwanam le! Kwowu, uqwengwe ngamarhamncwa! Hayi, amqwenga-qwengile umntwanam uJosefu!”
34 Wazikrazula izambatho zakhe uYakobi, elusizi; wanxiba ezamarhonya, ezila. Wamzilela ithuba elide unyana wakhe.