1 Ngelo xesha ke uJuda wabashiya abantakwabo, waya kuhlala nomfo ogama linguHira, owayehlala kwidolophu iAdulam.
2 UJuda wabona apho intombi yomKanana ogama linguShuwa. Wayithatha yaba ngumkakhe,
3 yazala inkwenkwe ekwathiwa nguEre igama layo.
4 Uphinde wazala enye inkwenkwe, kwathiwa igama layo nguOnan.