22 Wabuyela kuJuda, wathi: “Andimfumananga; yaye namadoda alapho athi akuzange kubekho henyukazi apho.”
23 Wathi uJuda: “Akukho nto; masezihlala kuye ezo zinto zam. Nto nje andifuni kuba yintlekisa ebantwini. Kambe mna ndilingile ukuhlawula, kodwa lona ihenyukazi alifumaneki.”
24 Emva kweenyanga ezintathu waxelelwa uJuda kwathiwa: “UTamare umolokazana wakho ubeziphethe kakubi, ngoku ke umithi.”UJuda wathi: “Mkhupheleni ngaphandle, atshiswe ngomlilo ade afe.”
25 Kuthe xa bamqhubayo, wathumela abantu kuyisezala ukuba bamxelele bathi: “UTamare uthi: ‘Ndimithiswe ngulo mntu ezizezakhe ezi zinto: isiphawulo nomtya waso, nomsimelelo. Khawuzijongisise, ukhangele ukuba ngaba zezikabani na.’ ”
26 UJuda wazazi kwangoko, wathi: “Akanatyala. Ndim ongahambanga ngesiko. Bendimelwe kukumnikezela kunyana wam uShela.” Waba uqale wagqibelisa uJuda ukulala noTamare.
27 Kuthe xa kusondela ilixa lokubeleka, kwabonakala ukuba wayeza kuzala amawele.
28 Xa alunywayo elinye iwele lavelisa isandla, waza umfazi owayembelekisa wasibamba, wasibopha ngomsonto obomvu eso sandla, wathi: “Lo uvele tanci.”