3 yazala inkwenkwe ekwathiwa nguEre igama layo.
4 Uphinde wazala enye inkwenkwe, kwathiwa igama layo nguOnan.
5 Uzele enye inkwenkwe kwakhona, yona kwathiwa nguShela. Wayehlala eKezibhi uJuda ukuzalwa kwale nkwenkwe.
6 UJuda wamfunela umfazi uEre unyana wakhe omkhulu. Igama lakhe lalinguTamare.
7 UEre wayeziphethe kakubi, loo nto yabangela ukuba *uNdikhoyo abunqamle ubomi bakhe.
8 UJuda uthe uOnan, umninawa kaEre, makadibane nomka-mkhuluwa wakhe, khon' ukuze azalele umkhuluwa wakhe abantwana ngokwesiko.
9 UOnan, esazi ukuba wayengazi kuzizalela abo bantwana, wathi rhoqo ukumane eyichithela phantsi imbewu yakhe ngalo lonke ixesha adibana noTamare, khon' ukuze angathathi, angamzaleli bantwana umkhuluwa wakhe.