1 Ke kaloku amaIshmayeli aya naye eJiputa uJosefu, afika amthengisa kuPotifare, owayengomnye wamaphakathi okumkani waseJiputa, owayenguyena nduna yabalindi basebhotwe.
2 *UNdikhoyo waba naye uJosefu, wamphumeza kwinto yonke. Wayehlala endlwini yenkosi yakhe yomJiputa,
3 eyaqondayo ukuba uJosefu wayephantsi kogcino lukaNdikhoyo, yaye yayinesandla sikaNdikhoyo yonke into ayenzayo.
4 Wakholiseka nguJosefu uPotifare, wamenza intonga yakhe yasekhosi. Ngoko ke wamenza induna yomzi wakhe nomlawuli wempahla yakhe yonke.
5 Ukususela ngoko uNdikhoyo wawuthamsanqelisa umzi waloo mJiputa, kunye nemfuyo yakhe, namasimi akhe, nayo yonke into awayenayo, ngenxa kaJosefu.
6 Yonke into yakhe ke uPotifare wayinikela elulawulweni lukaJosefu, akwabikho nto yimbi azikhathaza ngayo ngaphandle nje kokuthatha icephe atye.UJosefu wayemile kakuhle, eyinzwana yomfana.