18 Ndizincede ngokutsho esikrakra sona isikhalo, ukuze abalekele ngaphandle. Washiya nale ngubo yakhe ngakum.”
19 Waqumba kakhulu uPotifare akuyiva loo nto ithethwa ngumkakhe,
20 wathi uJosefu makabanjwe, avalelwe entolongweni ekwakuvalelwa kuyo amabanjwa kakumkani.Wahlala apho.
21 Kodwa nalapho uNdikhoyo waba ngakuJosefu, wamthamsanqelisa, watsho wathandwa ngujela.
22 Ujela wamnyusela uJosefu, wangumphathi wamanye amabanjwa. Yonke into eyenziwa entolongweni yajonga yena.
23 UNdikhoyo wamphumeza uJosefu kangangokude ujela angabi sajongana nemisebenzi eyayijongwe nguJosefu, kuba uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.