4 Wakholiseka nguJosefu uPotifare, wamenza intonga yakhe yasekhosi. Ngoko ke wamenza induna yomzi wakhe nomlawuli wempahla yakhe yonke.
5 Ukususela ngoko uNdikhoyo wawuthamsanqelisa umzi waloo mJiputa, kunye nemfuyo yakhe, namasimi akhe, nayo yonke into awayenayo, ngenxa kaJosefu.
6 Yonke into yakhe ke uPotifare wayinikela elulawulweni lukaJosefu, akwabikho nto yimbi azikhathaza ngayo ngaphandle nje kokuthatha icephe atye.UJosefu wayemile kakuhle, eyinzwana yomfana.
7 Kwakuba mzuzu umka-Potifare wafikelwa ngumnqweno ngoJosefu, wazicelela isondo kuye.
8 UJosefu wala, esithi: “Inkosi yam ijonge kum, mna Josefu, ngento yonke yayo; ayisazikhathazi nganto, kuba ithembe mna.
9 Yaye indinike lonke igunya emzini wayo; nguwe kuphela endingenagunya kuye. Ke ndingathini mna ukwenza into embi kangako, ndimone uThixo?”
10 Naxa wazingayo lo mfazi ukucela isondo kuJosefu mihla le, uJosefu yena wala ukuyenza loo nto.