19 Ukumkani uza kukukhulula ngeentsuku ezintathu, kodwa uza kunqunyulwa intloko, uze uxhonywe esibondeni, zize iintaka zikuxhole.”
20 Ngomhla wokukhunjulwa kokuzalwa kukakumkani, ngemva kweentsuku ezintathu ukususela koku, ukumkani wenzela iindedeba zasebhotwe itheko. Wayikhulula injoli nombhaki, beziswa phambi kwezo ndedeba.
21 Injoli yabuyiselwa kumsebenzi wayo ebikade iwenza,
22 kodwa yena umbhaki wanqunyulwa intloko. Kwaba njengokutsho kukaJosefu.
23 Kodwa injoli yamlibala kwaphela uJosefu.