3 wawafaka ke entolongweni kumzi wenduna yabalindi, apho kwakugcinwe khona uJosefu.
4 Bahlala ke entolongweni apho, yaza induna yenza uJosefu umququzeleli wabo.
5 Ngabusuku buthile bakuba besentolongweni ithutyana, injoli yaba nephupha, kwanaye nombhaki waba nelakhe iphupha. Amaphupha abo ayethetha izinto ngezinto.
6 Akufika kubo uJosefu ngentsasa, wababona bematshekile.
7 Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”
8 Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.”“NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”
9 Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam,