6 Akufika kubo uJosefu ngentsasa, wababona bematshekile.
7 Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”
8 Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.”“NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”
9 Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam,
10 unamasebe amathathu. Kuthe nje kuvele amagqabi, kwantshula iintyatyambo, neediliya zavuthwa.
11 Bendiphethe indebe kakumkani, ndazikha iidiliya ezo, ndazikhamela endebeni, ndazinika ukumkani.”
12 Uthe uJosefu: “Nantsi into ethethwa leli phupha lakho: Amasebe amathathu ziintsuku ezintathu.