13 Kwenzeka kanye njengoko wayetshilo: mna ndabuyiselwa emsebenzini wam, waxhonywa yena umbhaki.”
14 Ukumkani wathi makabizwe uJosefu, waza ngoko nangoko wakhululwa entolongweni. Akuba etshevile, wanxiba kakuhle, wasiwa kukumkani.
15 Waza wathi ukumkani kuJosefu: “Ndinephupha ekungekho bani ube nako ukulichaza. Ke ndivile ukuba uyakwazi ukuchaza amaphupha.”
16 UJosefu uphendule ngelithi: “Mhlekazi, andikwazi kuchaza maphupha, koko nguThixo oya kuchazela ukumkani iphupha lakhe.”
17 Ulilawule ke iphupha lakhe ukumkani wenjenje: “Ndiphuphe ndimi phezu komlambo iNayile.
18 Ndabona kuvela iimazi zeenkomo ezisixhenxe ezityebileyo emlanjeni apho, zigramza.
19 Kuvele esinye isixhenxe seemazi ezinqinileyo. Zaziyeyona migqutsuba ndakha ndayibona kwelaseJiputa.