19 Kuvele esinye isixhenxe seemazi ezinqinileyo. Zaziyeyona migqutsuba ndakha ndayibona kwelaseJiputa.
20 Loo migqutsuba ke yazithi bimbilili ezo mazi zityebileyo.
21 Kambe ke ayikhange ibonakale loo nto, kuba zasala ziyiloo migqutsuba kwanjengangaphambili. Ndaphaphama ke.
22 Emva koko ke ndibuye ndaphupha ndibona izikhwebu ezisixhenxe ezihle zengqolowa, zintshula sikhondweni sinye.
23 Kuphinde kwantshula nezinye ezisixhenxe izikhwebu zizibi ngathi zitshazwe lulophu lwasempumalanga,
24 zazithi ginyi-ginyi eziya zikhwebu zihle. Ndiwalawule la maphupha kwizanuse zalapha, kodwa akwabikho namnye unokundichazela.”
25 Uthe ukuphendula uJosefu: “Omabini la maphupha athetha into enye, mhlekazi. UThixo ebekuxelela into aza kuyenza.