32 Ukuphinda-phindwa kwephupha lakho kuthetha ukuthi uThixo selesenzile isigqibo, yaye uselembovu ukuyenza le nto.
33 “Ngoko ke, mhlekazi, khetha indoda elumkileyo, enamava, uyenze umphathiswa kweli lizwe.
34 Kufuneka utyumbe nabanye abaphathi abaza kugcina isihlanu sesivuno kule minyaka isixhenxe yendyebo.
35 Kufuneka bakuqokelele ukutya kule minyaka izayo yendyebo, babe negunya lokuvula oovimba ezixekweni, kugcinwe apho.
36 Kukutya okugciniweyo kaloku okuya kondla abantu kwiminyaka yendlala eya kulandela kweli laseJiputa. Ngale ndlela ke abasayi kulamba abantu.”
37 Ukumkani namaphakathi akhe balivuma eli cebo likaJosefu,
38 watsho esithi kubo: “Ngaba singafumana ndoda yimbi ngaphandle koJosefu, umfo owambathiswe ngoMoya kaThixo?”