34 Kufuneka utyumbe nabanye abaphathi abaza kugcina isihlanu sesivuno kule minyaka isixhenxe yendyebo.
35 Kufuneka bakuqokelele ukutya kule minyaka izayo yendyebo, babe negunya lokuvula oovimba ezixekweni, kugcinwe apho.
36 Kukutya okugciniweyo kaloku okuya kondla abantu kwiminyaka yendlala eya kulandela kweli laseJiputa. Ngale ndlela ke abasayi kulamba abantu.”
37 Ukumkani namaphakathi akhe balivuma eli cebo likaJosefu,
38 watsho esithi kubo: “Ngaba singafumana ndoda yimbi ngaphandle koJosefu, umfo owambathiswe ngoMoya kaThixo?”
39 Ubhekise kuJosefu ke ukumkani, wathi: “Nguwe oyiboniswe nguThixo le nto yonke. Kucacile ke ukuba asinakubuya sifumane mntu wumbi onobulumko namava, ingenguwe.
40 Ndiza kwenza wena ube ngumphathiswa elizweni lam. Bonke abantu bam baya kuthobela wena. Igunya lakho liya kuba ngaphantsi kwelam qha.