8 Kwasa ekhathazekile yile nto, waza wathi makubizwe zonke izanuse noosiyazi baseJiputa. Wabalawulela amaphupha akhe, kodwa bonke batsho phantsi, ababi nako ukuwachaza.
9 Kuvele injoli, yathi kukumkani: “Mandiyivume namhla into yokuba ndenze impazamo.
10 Ngokuya wawukhathazekile ngenxa yam nombhaki, wasivalela entolongweni emzini womphathi-balindi bebhotwe,
11 kwathi ngabusuku buthile saphupha. Elowo waba nelakhe iphupha, engathethi nto inye loo maphupha.
12 Apho kwakukho umfana womHebhere, evalelwe nathi, engumququzeleli womphathi-balindi. Sathi sakumlawulela wasichazela sobabini amaphupha ethu.
13 Kwenzeka kanye njengoko wayetshilo: mna ndabuyiselwa emsebenzini wam, waxhonywa yena umbhaki.”
14 Ukumkani wathi makabizwe uJosefu, waza ngoko nangoko wakhululwa entolongweni. Akuba etshevile, wanxiba kakuhle, wasiwa kukumkani.