1 UYakobi akuva ukuba iyafumaneka ingqolowa eJiputa, uthe koonyana bakhe: “Kutheni ninyabile nje?
2 Ndivile mna ukuba iyafumaneka eJiputa ingqolowa. Yiyani kuyithenga khona, singafi yindlala.”
3 Banduluka ke abakhuluwa bakaJosefu abalishumi ukuya kuthenga ingqolowa eJiputa.
4 Kodwa uYakobi akazange amthume kunye nabo uBhenjamin umninawa kaJosefu, kuba esoyika hleze ahlelwe yinto.
5 Oonyana bakaSirayeli bagaleleka kunye nabanye abathengi, kuba kwakukho indlala kulo lonke eKanana.