15 Bazithatha ke izipho oonyana bakhe kunye nemali eyaneleyo, bahamba baya eJiputa kunye noBhenjamin. Bafika bazazisa kuJosefu.
16 UJosefu akubabona behamba noBhenjamin, wathi kwisicaka esiyintloko: “La madoda wase endlwini yam. Uze uxhele nokuxhela, khon' ukuze batye nam isidlo sasemini.”
17 Senjenjalo ke isicaka ngokomyalelo kaJosefu.
18 Ngeli xesha basiwa endlwini babesoyika, besithi: “Sibanjwa ngenxa yemali eyayifakwe ezingxoweni zethu. Uza kusihlasela, asibambe, sibe ngamakhoboka, athimbe needonki zethu.”
19 Bathe ke, xa besesemnyango, babhekisa kwisicaka esiphetheyo, bathi:
20 “Mhlekazi, bekhe seza kuthenga ukutya apha.
21 Sithe sakumisa ngokuhlwa endleleni egodukayo, safumana loo mali besithenge ngayo isesezingxoweni zethu ngaphezulu. Size nayo ke loo mali.