16 UJosefu akubabona behamba noBhenjamin, wathi kwisicaka esiyintloko: “La madoda wase endlwini yam. Uze uxhele nokuxhela, khon' ukuze batye nam isidlo sasemini.”
17 Senjenjalo ke isicaka ngokomyalelo kaJosefu.
18 Ngeli xesha basiwa endlwini babesoyika, besithi: “Sibanjwa ngenxa yemali eyayifakwe ezingxoweni zethu. Uza kusihlasela, asibambe, sibe ngamakhoboka, athimbe needonki zethu.”
19 Bathe ke, xa besesemnyango, babhekisa kwisicaka esiphetheyo, bathi:
20 “Mhlekazi, bekhe seza kuthenga ukutya apha.
21 Sithe sakumisa ngokuhlwa endleleni egodukayo, safumana loo mali besithenge ngayo isesezingxoweni zethu ngaphezulu. Size nayo ke loo mali.
22 Siphethe nenye imali yokuthenga ukutya. Asazi ukuba yafakwa ngubani le mali ezingxoweni zethu.”