21 Sithe sakumisa ngokuhlwa endleleni egodukayo, safumana loo mali besithenge ngayo isesezingxoweni zethu ngaphezulu. Size nayo ke loo mali.
22 Siphethe nenye imali yokuthenga ukutya. Asazi ukuba yafakwa ngubani le mali ezingxoweni zethu.”
23 “Khululekani, ningoyiki,” sitshilo isicaka. “Kunokuba loo mali yinyhweba evela kuThixo wenu, uThixo kayihlo. Mna ndayifumana intlawulo yenu.” Saza sakhupha uSimon, samzisa kubo.
24 Sabangenisa endlwini kaJosefu isicaka. Sabanika amanzi, bahlamba iinyawo. Sapha needonki zabo into etyiwayo.
25 Balungiselela ukunika uJosefu izipho ukufika kwakhe ngexesha lesidlo sasemini, kuba babesebexelelwe ukuba uza kutya kunye nabo.
26 Akufika basa kuye izipho, bakhahlela, bawa ngobuso emhlabeni.
27 Wababuza impilo, waza wathi: “Linjani na ixhego uyihlo enanindixelele ngaye? Usaphila na?”