8 UJuda wathi kuyise uSirayeli: “Yithi mayihambe nam le nkwenkwe, sinduluke kwangoku, siye kuthenga ukutya, ukuze thina neentsapho zethu singafi yindlala.
9 Ukuba kukho nto yenzeka kuyo woyibuza apha kum. Ukuba andibuyanga nayo isaphila, ndiya kuthwala ityala bonke ubomi bam.
10 Ukuba besingalibazisanga kangaka ngesiye sabuya, nditsho sada saphinda okwesibini.”
11 Uyise wathi kubo: “Xa kunjalo ke kulungile, phathani ezona ziphambili izinto ezivela kulo mhlaba, nise kumphathiswa lowo. Thathani intwana yentlaka yokuqhola, ubusi, intlaka emhlope, amakha, neembotyi zepistako, kunye neeamangile.
12 Ze niphathe nemali ngokuphindiweyo, kuba kufuneka niyibuyisele leya beniyifumene ezingxoweni zenu. Mhlawumbi yayifakwe ngempazamo.
13 Hambani naye ke umntakwenu, niye kuloo ndoda.
14 Wanga uThixo uSomandla angayenza mhlophe indlela yenu, ize loo ndoda inenzele inceba, imbuyisele kuni uBhenjamin nalaa mntakwenu useleyo. Ukuba mna kufuneka ndilahlekelwe ngabantwana bam, kulungile.”