3 Kwangentseni wabakhulula abantakwabo, bangena endleleni egodukayo, beqhuba iidonki zabo.
4 Kwathi besekude kufuphi nedolophu, wathi uJosefu kwisicaka sakhe: “Khawuleza usukele laa madoda, uthi: ‘Kutheni nibuyisa ubuhle ngobubi?
5 Niyibele ntoni indebe yesiliva yenkosi yam? Yile kanye isela ngayo, ikwayile ivumisa ngayo. Ilihlazo le nto niyenzileyo.’ ”
6 Siwathethile ke la mazwi isicaka sakufika kubo.
7 Bathe bona: “Ungathini, mhlekazi, ukuthetha ngolu hlobo? Asikhange siyenze into enjalo konke-konke.
8 Uyazi nawe ukuba nemali esayifumana ezingxoweni zethu ekhaya siyibuyisele kwakuwe. Singathini ke ngoku ukûba isiliva okanye igolide yenkosi yakho?
9 Ukuba kukho onayo apha kuthi makabulawe, baze abanye babanjwe babe ngamakhoboka.”