6 Siwathethile ke la mazwi isicaka sakufika kubo.
7 Bathe bona: “Ungathini, mhlekazi, ukuthetha ngolu hlobo? Asikhange siyenze into enjalo konke-konke.
8 Uyazi nawe ukuba nemali esayifumana ezingxoweni zethu ekhaya siyibuyisele kwakuwe. Singathini ke ngoku ukûba isiliva okanye igolide yenkosi yakho?
9 Ukuba kukho onayo apha kuthi makabulawe, baze abanye babanjwe babe ngamakhoboka.”
10 Sithe isicaka: “Ewe, kulungile, kodwa ngulo ifunyenwe kuye qha oya kubanjwa abe likhoboka; bonke abanye bangakhululeka.”
11 Bazithule kwangoko iingxowa zabo, bazibeka phantsi, elowo wavula eyakhe.
12 Sakhangelisisa isicaka sikaJosefu, siqala komkhlu sada saya kutsho koyena mncinane. Loo ndebe yafunyanwa engxoweni kaBhenjamin.