1 UJosefu akabanga saba nako ukuzibamba. Wathi izicaka zakhe maziphume. Kwasala yena nabantakwabo. Wabaxelela ukuba ungubani na.
2 Watsho ngesikhalo esaviwa ngamaJiputa, lwaza olo mingi-mingi lwaya kutsho nakomkhulu.
3 Wenjenje uJosefu ukuthetha nabantakwabo: “NdinguJosefu. Nithi ubawo usaphila?” Bakukuva oko abantakwabo bothuka, ababi nako nokuthetha.
4 Uthe uYosefu: “Sondelani.” Basondela, wathi: “Ndingumntakwenu uJosefu enamthengisa eJiputa.
5 Sanukukhathazeka okanye nizohlwaye ngenxa yokuba nandithengisa apha. NguThixo owathi mandinandulele, ukuze kusinde abantu.
6 Lo isengowesibini unyaka wendlala; kuseza eminye emihlanu, kungàlinywa, kungàvunwa.